letras.top
a b c d e f g h i j k l m n o p q r s t u v w x y z 0 1 2 3 4 5 6 7 8 9 #

letra de bekukudala ngoko - mabuda

Loading...

zandila iinqwelo zka mozisi
zandila iinqwelo zka mozisi

lwatshaba utshaba neembandezelo kwavelukukhanya kwintsunguzi yob-mnyama
aqhawka amatyathanga latelephula ihashe lam kwimigqomo ezanezandi ezitalatweni

ndiybon indlela eya empumelelweni, ndiqinisuphondo ndisiqabi bhotolo isiphiwo sam
emva kwethubelide ndizulisa ndibheka bheka ndisenza okuphambebeyo nentliziyo yam

mali soze, xakunamhla isakhono sam ndosenz intloko yenyoka ndoodudula ngaso lookati kweloziko
ndivumeleni ndidyushe ndibhomboloze phezukwezandi ndixolise umphefumlo wam

ndibalise okuviwe ziindlebe zam, ndinabise ngokubonwe ngamehlo am, ndizobe imifanekiso ngendlela ehanjwe ziinyawo zam

onendlebe yokumamela uyakuzuza nto, ze izaphuselane ezibhidwe ngumkhondo zibuye ziwulande kwakhona
.
ngoba kaloku esi ayisosiqalo yinqubela phambili yendlela eyasekwa kwamhla mnene. uyeke nje ukuba ndaaphulukana nethemba ngenxa yokungabi namqolo

ukuphungu phunguza ukhangela indlela lula wokusondez ipeni suke, kuphuncuke kwaleyo igoso uzibone sowuyi muna muna

asiloqhinga indlela emfutshane kuba okuze lula kakade kufumbatha umzuzwana

ndiqinisekile uladux uziqika qika kunene esakubona iindlela zam, umoya wakhe awufumani zinzo usakugilana nezenzo zam
lifikile ithuba mandibuyele enkomeni ngokwenene ndizibonile iziphoso zam

eli asilobali sisifungo senguquko kwanele, itshuphinda ntokanzotho ibibubuyatha ukucinga ndinganako ukuyibukela isemka nomsinga intokazi yam

ubhelukazi olumanza ndonga olungenalo nechaphaza nasphaku wonkubani enomdla wokulibuka
nangona lingabonakali ngeso lenyama kodwa imisebenzi yalo isenzumahluko kwiingcinga zoontloko lukhuni nezilumko

mandiyihlangule ndibuye ndinike abantu ukutya kwabo, kungenjalo andisayikuxola de ndilishiye elimiyo ndingasi fezekisanga isethembiso sam

andaleli bani, onomdla makakhwele siye apho kungenje. nangona singazi esodibana nako, ikakade amangomso asesihogweni sobona phambili

thwaluhadi lwakho hlalutye sakuthi sokufuman umthunzi ulungombe ndoontyiloza phezukwalo
ndiyafunga okude kufuphi naloongxolo akanongasondeli, somnika ngaphezukoko

nangoku, esi ayisosiqalo yinqubela phambili yendlela eyasekwa kwamhla mnene
kungani ke ukungabaza nje ukuphumelela kwemigudu eyasungulwa kwakude kdala ngalamakhwenkwe?

sivumeleni simphakamise undlunkulu noko kudala ezolile ethozamile, ebukele nizenzela

sondelani yeyele ayingangathi xayinje

andibanjwanga andizothetha de ndiziqhawululwimi, mandihlale phantsi ndophakama futhi ndisakuphumza imixhadi

ikakade nesi ibisisithembiso ndinithembisa ukuninika ithemba kuba ndinethemba lokuba nondiniki themba nisakuthembela kum
ndaabeva besithamade ngawetyala amafutshane ngawothando, kuba ke ndinithanda seninonke mandiwenze mafutshane nalana

ngoba andinabudlelwane neengxoxo zamatyala ndandisuxolo, masgudlane sisulelane ngothando

sibambane sabelane ngezondlo zomphefumlo

xakulapho kanye andizotsho nokuba ndiyahamba nova kusithiwa ndimkile

letras aleatórias

MAIS ACESSADOS

Loading...